Ukuqinisekisa ukuba ufumana imali yakho ngaphandle kokulibazisa, nceda ukhangele ukuba loluphi na udidi ngezantsi olubhekisele kuwe kwaye ungenise ulwazi lwakho kwi-JIS msinyane kangangoko kunokwenzeka:

Ndingumxhamli oseMzantsi Afrika

  1. Isiteyitimenti sebhanki (esingekho ngaphezulu kweenyanga ezi-3)
  2. Ubungqina bedilesi (obungekho ngaphezulu kweenyanga ezi-3)
  3. Ifoto ozithathe yona (ifoto yakho ubambe iNcwadi yakho ye-ID yaseMzantsi Afrika eluhlaza enebhakhowudi okanye i-ID yeSmartcard (omabini amacala) ngaphantsi kwesilevu sakho

Akukho nyathelo lifunekayo ukuba ngaba isasebenza iakhawunti yebhanki.

Ndingumxhamli onguMmi wamaZwe angaPhandle

  1. Isiteyitimenti sebhanki (esingekho ngaphezulu kweenyanga ezi-3)
  2. Ubungqina bedilesi (obungekho ngaphezulu kweenyanga ezi-3)
  3. Ifoto ozithathe yona ubambe incwadana yakho yokundwendwela ngaphantsi kwesilevu sakho, ivulwe kwiphepha elinefoto

Akukho nyathelo lifunekayo ukuba ngaba isasebenza iakhawunti yebhanki.

Ndingumxhomekeki womxhali oswelekileyo weTrasti yeThusano owayengowaseMzantsi Afrika

  1. Imininingwane yokuxhumana
  2. I-ID yomntu oswelekileyo
  3. Ubungqina bendawo yokuhlala yomxhamli okanye umabi lifa
  4. Isiteyitimenti sebhanki sempahla yomntu oswelekileyo esinesitampu okanye ileta yokuqinisekisa iakhawunti yebhanki enesitampu (ENGEKHO NGAPHEZULU KWEENYANGA EZI-3 / Ingxelo efungelweyo yomxhamli. Xa singekho isiteyitimenti sebhanki sempahla yomntu oswelekileyo, umxhamli kufuneka anike ingxelo efungelweyo eqinisekisa ukuba impahla kugqityiwe ngayo, kunye nesakho isiteyitimenti sebhanki esinesitampu.
  5. Isatifiketi somtshato (ukuba sikhona)
  6. Ifoto ozithathe yona (ifoto yakho ubambe iNcwadi yakho ye-ID yaseMzantsi Afrika eluhlaza enebhakhowudi okanye i-ID yeSmartcard (omabini amacala) ngaphantsi kwesilevu sakho
  7. ISatifiketi sokuSweleka (iKopi eQinisekisiweyo)
  8. ILeta yoGunyaziso okanye iLeta yokuGunyazisa uMabi Lifa (Izabelo kufuneka zibe zixelwe kwileta yoGunyaziso)

Ndingumxhomekeki womxhali oswelekileyo weTrasti yeThusano owayenguMmi wamaZwe angaPhandle

  1. Imininingwane yokuxhumana
  2. I-ID yomntu oswelekileyo
  3. Ubungqina bendawo yokuhlala yomxhamli okanye umabi lifa
  4. Isiteyitimenti sebhanki sempahla yomntu oswelekileyo esinesitampu okanye ileta yokuqinisekisa iakhawunti yebhanki enesitampu (ENGEKHO NGAPHEZULU KWEENYANGA EZI-3 / Ingxelo efungelweyo yomxhamli. Xa singekho isiteyitimenti sebhanki sempahla yomntu oswelekileyo, umxhamli kufuneka anike ingxelo efungelweyo eqinisekisa ukuba impahla kugqityiwe ngayo, kunye nesakho isiteyitimenti sebhanki esinesitampu
  5. Isatifiketi somtshato (ukuba sikhona)
  6. Ifoto ozithathe yona ubambe incwadana yakho yokundwendwela ngaphantsi kwesilevu sakho, ivulwe kwiphepha elinefoto
  7. ISatifiketi sokuSweleka (iKopi eQinisekisiweyo)
  8. ILeta yoGunyaziso okanye iLeta yokuGunyazisa uMabi Lifa (Izabelo kufuneka zibe zixelwe kwileta yoGunyaziso). (Qaphela ukuba kwimpahla yomntu oswelekileyo ongenguye umhlali iLeta yokuGunyazisa uMabi Lifa / iLeta yoGunyaziso / iLeta yoDluliso kufuneka iqiniselwe yiOfisi yoMlawuli weMpahla yabaNtu abaSwelekileyo weNkundla ePhakamileyo eMzantsi Afrika)

Ndingumxhomekeki womntu oswelekileyo owayengumxhomekeki womxhamli oswelekileyo

  1. Iinkcukacha zoqhagamshelwano
  2. Ii-ID zabo bobanini umnini sabelo ongumxhamli oswelekileyo kunye nomxhomekeli oswelekileyo
  3. Ubungqina bendawo yokuhlala (yomxhamli okanye umabi lifa ukuba utshatile)
  4. Isiteyitimenti sebhanki sempahla yomntu oswelekileyo esinesitampu okanye ileta yokuqinisekisa iakhawunti yebhanki enesitampu – (ENGEKHO NGAPHEZULU KWEENYANGA EZI-3 / Ingxelo efungelweyo yomxhamli
  5. Ifomu yesicelo sotshintsho lobunini esayinwe ngumabi lifa okanye indlalifa egunyazisiweyo
  6. Isatifiketi somtshato (ukuba sikhona)
  7. Ifoto ozithathe yona (ifoto yakho ubambe iNcwadi yakho ye-ID yaseMzantsi Afrika eluhlaza enebhakhowudi okanye i-ID yeSmartcard (omabini amacala) ngaphantsi kwesilevu sakho okanye iNcwadana yokuNdwendwela esemthethweni (abemi bamazwe angaphandle) / Ikopi eqinisekisiweyo ye-ID yakho (Umfaki bango).
  8. IiZatifiketi zokuSweleka (IKopi eQinisekisiweyo) zabo bobanini umnini sabelo ongumxhamli nomxhomekeli oswelekileyo
    IiLeta zokuGunyazisa ezimbini ezahlukeneyo ziyafuneka: eyokuqala ebonakalisa iinkcukacha zomnini sabelo ongumxhamli (oswelekileyo) wokuqala, kunye neyesibini ebonakalisa iinkcukacha zomxhamli oswelekileyo – Qaphela ukuba kwimpahla yomntu oswelekileyo ongenguye umhlali iLeta yokuGunyazisa uMabi Lifa / iLeta yoGunyaziso / iLeta yoDluliso kufuneka iqiniselwe yiOfisi yoMlawuli weMpahla yabaNtu abaSwelekileyo weNkundla ePhakamileyo eMzantsi Afrika.

Ndingumxhomekeki womxhamli womnini sabelo owohlukileyo kumxhomekeki oxelwe kwifomu yonyulo okanye yokuphuma yomxhamli womnini sabelo.

  1. Iinkcukacha zoqhagamshelwano
  2. I-ID yomntu oswelekileyo
  3. Ubungqina bendawo yokuhlala yomxhamli okanye umabi lifa
  4. Isiteyitimenti sebhanki sempahla yomntu oswelekileyo esinesitampu okanye ileta yokuqinisekisa iakhawunti yebhanki enesitampu (ENGEKHO NGAPHEZULU KWEENYANGA EZI-3 / Ingxelo efungelweyo yomxhamli.
  5. Isatifiketi somtshato (ukuba sikhona)
  6. Ifoto ozithathe yona (ifoto yakho ubambe iNcwadi yakho ye-ID yaseMzantsi Afrika eluhlaza enebhakhowudi okanye i-ID yeSmartcard (omabini amacala) ngaphantsi kwesilevu sakho okanye iNcwadana yokuNdwendwela esemthethweni (abemi bamazwe angaphandle)
  7. ISatifiketi sokuSweleka (iKopi eQinisekisiweyo)
  8. Ileta yogunyaziso exela bonke abaxhamli emva kwengxelo evela enkundleni — i-LOA yomntu ongenguye umhlali kufuneka ikhululwe yiOfisi yoMlawuli weMpahla yabaNtu abaSwelekileyo weNkundla ePhakamileyo eMzantsi Afrika
  9. Ingxelo efungelweyo eyalela ukuba mayabiwe kanjani imali

Ndiqondwa njengomxhomekeki womxhamli kwaye ndifumene izabelo ukususela ekuswelekeni kwakhe

Ukuba ngaba azikatshintshi iinkcukacha zebhanki, akukho nyathelo lifunekayo ke.

Indlela yokungenisa amxwebhu akho

Onokukwenza:

  1. Wahlomele kwi-imeyile eya kwi-JIS: thusano@jseinvestorservices.co.za
  2. Yisa amaxwebhu akho kwiofisi yakho ekufutshane ka-TEBA kwaye baya kukungenisela wona kwi-JIS
  3. Ngenisa amaxwebhu kwiofisi ye-JIS – JSE Building, 1 Exchange Square, 2 Gwen Lane, Sandton, Johannesburg

Ithetha ntoni i-FICA?

U-FICA umele uFinancial Intelligence Centre Act 38 of 2001 (UmThetho weZiko eliPhanda ngezeMali wama-38 ka-2001). Ngumthetho eMzantsi Afrika okhusela abantu kubuqhetseba ngokuqinisekisa izazisi zabantu xa kusenziwa iitransekshini zemali.

Ndisifumana phi isiteyitimenti sebhanki?

Ungafumana isiteyitimenti sebhanki esinesitampu sebhanki kwigosa ngaphakathi kwibhanki yakho okanye kumatshini we-ATM usebenzisa ikhadi lakho lebhanki.

Yintoni ileta yokuqinisekisa yebhanki?

Le yileta oyinikwa yibhanki engqina ukuba ungumnini weakhawunti yebhanki.

Yintoni uMkomishinala oFungisayo?

UMkomishinala oFungisayo eMzantsi Afrika ngumntu ovumelekileyo ukwenzisa izifungo, uqiniselo, kwaye enze iingxelo ezibhaliweyo ezisesikweni zobunyani bento, eqinisekisa ukuba yinyani kweengxelo kumaxwebhu asemthethweni afana neengxelo ezifungelweyo, kwaye unokuqinisekisa kananjalo iikopi zamaxwebhu angakhutshwelwanga, ukuthintela ubuqhetseba kunye nokugcina isidima somthetho.

Yintoni ubungqina bedilesi?

Naluphi na uxwebhu oluvela kumboneleli ngezinto eziluncedo (umbane, umnxeba) okanye iakhawunti yevenkile, okanye ingqesho yepropati olubonisa igama kunye nedilesi yakho yendawo yokuhlala.

Ndiyifumana njani ingxelo efungelweyo?

Yisa i-ID yakho kuMkomishinala oFungisayo (ofana nepolisa, igqwetha, okanye igosa laseposini) eliza kuqinisekisa isazisi sakho. Uza kucela kubo ifomu yengxelo efungelweyo okanye ubhale ngokwakho kuxwebhu olusesihloko esithi iNgxelo eFungelweyo. Uza kubhala imiba leyo, umzekelo: uMxhamli exela “Ndiqinisekisa ukuba impahla ka (Amagama apheleleyo kunye neNombolo ye-ID yomntu oswelekileyo) ivaliwe kwaye isongiwe, Nceda wamkele iinkcukacha zam zokubhanka………………… (nceda uxele igama lebhanki kunye nenombolo yeakhawunti) uze uyisayine phambi koMkomishinala oFungisayo oya kuthi ke yena ayifake isitampu, eyenza ukuba ibophelele ngokusemthethweni.

Ndiyifumana phi ikopi yesatifiketi sam somtshato?

Ndiyifumana phi ikopi yesatifiketi sokusweleka?

Amaxwebhu anxulumene nesazisi, ubomi, isimo somtshato sabantu baseMzantsi Afrika anokucelwa kwiiofisi zeSebe leMicimbi yezeKhaya (Department of Home Affairs) (DHA). Ungacela kananjalo amaxwebhu athile kwiwebhu usebenzisa iphothali yeSebe leMicimbi yezeKhaya: ehome.dha.gov.za/ehomeaffairs.

Yintoni ikopi eqinisekisiweyo?

Ungaqinisekisa ikopi yoxwebhu ngokusa uxwebhu olungakhutshelwanga kunye nekopi kuMkomishinala oFungisayo. Bakube besayinile kwaye bafake isitampu somhla kwikopi, ithathwa ngokuba iqinisekisiwe.

Yintoni iLeta yoGunyaziso (Letter of Authority) (LOA)?

Luxwebhu olusemthethweni olukhutshwa yiOfisi yoMlawuli weMpahla yabaNtu abaSwelekileyo weNkundla ePhakamileyo eMzantsi Afrika. Inika umntu owonyuliweyo amandla okulawula impahla yomntu oswelekileyo, ingakumbi xa impahla ‘incinci’ okanye xa kungekho myolelo usemthethweni.

Ndiyifumana njani iLeta yoGunyaziso ebonisa abaxhamli bomntu oswelekileyo?

Ileta yoGunyaziso (Letter of Authority) (LOA) ikhutshwa yiOfisi yoMlawuli weMpahla yabaNtu abaSwelekileyo weNkundla ePhakamileyo xa impahla yomntu oswelekileyo ingama-R250,000 okanye ngaphantsi okanye xa kusebenza ulawulo lokusongwa ngokusemthethweni kwempahla yomntu oswelekileyo.

IOfisi yoMlawuli weMpahla yabaNtu abaSwelekileyo weNkundla ePhakamileyo ueMzantsi Afrika uza kufuna:

  • Isitifiketi sokusweleka
  • I-ID yomntu ofaka isicelo (umntu ofaka isicelo se-LOA)
  • I-ID yomntu oswelekileyo
  • Umyolelo, ukuba ukhona okhoyo
  • Ingxelo efungelweyo yesalamane (iFomu J192) ukuba umntu oswelekileyo usweleke engenawo umyolelo
  • Uluhlu lweempahla (iFomu J243)
  • Nawaphi na amaxwebhu okonyulwa komxhamli (umzkl. unyulo kwingxowamali yomhlalaphantsi/yobekelo, unyulo kwitrasti, iirekhodi zomqeshi)
  • Ileta yexabiso leenzuzo evela kwi-JIS okanye umlawuli wengxowamali – oku kuyafuneka ixesha elininzi kwimpahla yomntu oswelekileyo ebandakanya intlawulo yemali

Ubungqina bobudlelwane, ukuba buyabandakanyeka.

Kuthetha ntoni ‘ukuqinisekisa kwangaphandle’ iLeta yoGunyaziso?

Ngokusemthethweni okwaziwa njengokuSayina nokuTywina, oku kubhekisele kwinkqubo yomthetho apho iOfisi yoMlawuli weMpahla yabaNtu abaSwelekileyo weNkundla ePhakamileyo anakana ileta yangaphandle yokonyula ukuze umabi lifa abe nokulawula impahla eseMzantsi Afrika.

Luxwebhu olusesikweni olusemthethweni olukhutshwe yiOfisi yoMlawuli weMpahla yabaNtu abaSwelekileyo weNkundla ePhakamileyo elonyula kwaye ligunyazisa ngokusemthethweni umntu (umabi lifa) ukuba alawule kwaye asonge impahla yomntu oswelekileyo, apho ixabiso lempahla lingaphezulu kwama-R250,000.