Kunokwenzeka ukuba ungumxhamli weTrasti yeThusano ukuba ngaba konke okulandelayo kungena kuwe ngowe-1 Disemba 2010:

  • Ubuphangela eGold Fields (kwimisebenzi yaseMzantsi Afrika) kwiibhendi zePatterson A, B okanye C iintsuku ezingama-30 okanye ngaphezulu; kwaye
  • Wamkele iofa yesabelo ngelo xesha.

Qaphela: Abasebenzi abadendwe phakathi kukaFebruwari 2009, nowe-1 Disemba 2010 babequkiwe kananjalo.

Indlela yokuqinisekisa isimo sakho

  • Yiya kwiphotali ye-JIS
  • Ngena ngenombolo yakho yomsebenzi okanye ngenombolo ye-ID.
  • Ukuba awukaze ungene, landela izikhokelo kwaye uphendule imibuzo yokhuselo ukujonga iprofayile yakho.
  • Tsalela umnxeba i-JIS ku:
    086 125 5525 okanye 086 143 3659
    • NgoMvulo – ngoLwesihlanu: 08:00 – 19:00
    • Mgqibelo: 09:00 – 14:00
  • “Please Call Me”:
    • Yithumele ku-083 680 0079 (uza kutsalelwa umnxeba kwiiyure ezingama-24 ngeentsuku zeveki)
  • Ngaphandle kwaseMzantsi Afrika:
    • +27 11 713 0000 okanye Umyalezo obhaliweyo
    • +27 83 680 0079 ukuze utsalelwe umnxeba
  • Dayala u *120*1138# kwiselula yakho ukukhangela ulwazi ngezabelo zakho (ukuba unenombolo ye-ID yaseMzantsi Afrika)
  • Tyelela iofisi yakho ekufutshane yakwaTeba ngoncedo uye buqu – abasebenzi bangakunceda uqinisekise isimo sakho (cofa apha ngoluhlu lweeofisi zakwaTEBA)

Ukuba awufumani miyalezo (okanye awukaze uyifumane)

Usenokuba ufanelekile. Qala uqinisekiso ngalo naliphi kumajelo angasentla. Yiba nokulandelayo kube sekulunge kangangoko kunokwenzeka:

  • I-ID yase-SA/incwadana yokundwendwela, ulwazi loqhagamshelwano lwangoku neenkcukacha zokubhanka
  • Ukuba ngaba ufaka ibango lomxhamli oswelekileyo: I-ID yomntu oswelekileyo, ubungqina bolwabiwo (ukuba bukhona), isatifiketi sokusweleka kunye namaxwebhu asemthethweni akhutshwe yinkundla omabi welifa (ukuba akhona)

Key dates

Ukuba khange urekhode ukhetho lwakho kwi-JSI ngomhla omiselweyo wama-22 Novemba 2025, ukhetho oluzenzekelayo luza kuba izabelo zakho ziza kuthengiswa emva kokufumaneka kwezabelo kwaye ikheshi (emva kokutsalwa kwerhafu nemali ehlawulwayo) iza kuhlawulwa kwiakhawunti yakho yebhanki erekhodiweyo emva kowe-1 Matshi 2026. Qiniseka ukukhangela kwi-JIS ukuba iinkcukacha zakho zoqhagamshelwano nezebhanki zichanekile na, usebenzisa amajelo axelwe ngasentla.

Indlela yokukhangela izabelo neenkcukacha zakho

Nokuba ithuba lokhetho seliphelile, usengakhasikhangela isiteyitimenti sakho ukubona ukuba zizabelo ezingaphi onazo, kwaye uqiniseke ukuba iinkcukacha zakho zoqhagamshelwano nezebhanki zichanekile. Ungakwenza ngeendlela ezininzi oku:

Funda imiyalelo ukuze uqiniseke ukuba uthathe onke amanyathelo ayimfuneko kwaye unike lonke ulwazi oluyimfuneko. Ukuba uyathandabuza, thetha nomenzeli weziko leminxeba le-JIS.

  • Tsalela umnxeba i-JIS (kwiintsuku zeveki) ku: 086 125 5525 okanye 086 143 3659 (abenzeli banokunceda ngolwimi lwakho olukhethayo).
  • Thumela u “Please Call Me” ku-083 680 0079 (uza kutsalelwa umnxeba kwiiyure ezingama-24).
  • Ngaphandle kwaseMzantsi Afrika: +27 11 713 0000 okanye Umyalezo obhaliweyo +27 83 680 0079 okanye ucele ukutsalelwa umnxeba.
  • Dayala u *120* 1138# kwiselula yakho ukuze ufikelele kulwazi ngezabelo zakho.
  • Tyelela iofisi yakho ekufutshane yakwaTeba, apho abasebenzi baya kukunceda.
  • Fumana uluhlu lweeofisi zakwaTEBA apha
  • Ayiyo Trasti yeThusano okanye i-JSE Investor Services (JIS) eyawuze ikucele ukuba uhlawule imali ehlawulwayo ukuze ufumane intlawulo okanye ukudluliswa kwezabelo zakho.
  • Ziirhafu ezisemthethweni kunye nemali ehlawulelwa ulawulo eqhelekileyo (etsalwa ngokuzenzekelayo) esebenzayo.
  • Ukuba ukrokrela ubuqhetseba, buxele ngoko nangoko ngeziko leminxeba okanye ngejelo leWhatsApp.